INCWADI ESISIKHOKELO 0
UPHENGULULO
UCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
UCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Uncitshiso Uphuhliso lukamasipala Imeko-bume ezolileyo lwentlupheko oluhlangeneyo
Ukefezekiswa Uphuhliso lwezoqoqosho Indlela yokuba Uhlanganiso lweendawo
Kweenkonzo lwengingqi ngamahlakani
Eziphuculweyo
IDP Ulawulo lofezekiso Inkqubo ehlangeneyo nokufezekiswa kwezithembiso
Inkqubo-sakhelo Indlela yokusebenza/ Inkqubo yoqeqesho Umxokelelwano esemthethweni/umgaqo izixhobo/iindlela wenkxaso lawulo osemthethweni zokwenza yolawulo locwangciso nofezekiso (PIMSS)
Uphuhliso lwezakhono
INTSHAYELELO
Urhulumente wengingqi ngumthathi-nxaxheba ophambili kwinkqubo yophuhliso yoMzantsi Afrika. Inkqubo yenguqu yokumisela oomasipala abangenamkhethe ngokobuhlanga nabanako ukusebenza linyathelo lobuchule elingundoqo elinokwenza ukuba urhulumente wengingqi azalisekise indima yakhe yophuhliso.
Amanyathelo aphambili ale nkqubo yenguqu ibi ngala:
ukunika inkqubo-sakhelo yomgaqo-nkqubo ecacileyo nekhuthazayo ngoXwebhu lweNkqubo yokusebenza elungele ukusetyenziswa kurhulumente wengingqi;
inkqubo yokwahlula kwakhona ethe yaba neziphumo zoomasipala abanako ukusebenza ; kwakunye nokunika inkqubo-sakhelo entsha esemthethweni kurhulumente wengingqi ngokumisela uMthetho wamaQumrhu ooMasipala kwanoMthetho weMixokelelwano yooMasipala.
Kukhetho lukarhulumente wengingqi obe lubanjiwe ngomhla wesi-5 kuDisemba 2000 isigaba senguqu sifikelele esiphelweni kwaye inkqubo yorhulumente wengingqi ingaqalisa ukusebenza phezu kwesiseko esiluqilima.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lolunye lwezixhobo ezingundoqo khon' ukuze urhulumente wengingqi abe nako ukumelana nendima yakhe entsha yophuhliso. Ngokuchasene nendima edlalwe lucwangciso kwixa eligqithileyo, ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lubonwa ngoku njengomsebenzi wolawulo lukamasipala nanjengenxalenye yenkqubo ehlangeneyo yocwangciso nokufezekiswa kwezithembiso. Inkqubo ye-IDP yenzelwe ukuba ifikelele kwizigqibo kwimiba efana nohlahlo-lwabiwo-mali lukamasipala, ulawulo lwemihlaba, inkuthazo kuphuhliso lwezoqoqosho lwengingqi kwakunye nenguqu yezamaziko ngendlela yothetha-thethwano ecwangciswe kakuhle nenobuchule. IziCwangciso zoPhuhliso oluHlangeneyo phofu azizikunika nkcazelo kulawulo lukamasipala kuphela; zifanele ukuba zikhokele imisebenzi yayo nayiphi i-arhente evela kwamanye amacandelo karhulumente, amaqumrhu anika inkonzo, imbutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente kwakunye necandelo labucala elikwingigqi kamasipala.
Kwithuba eligqithileyo lolawulo, inkoliso yamagunya engingqi enguqu ebesele eyinxalenye yokulungiswa kwezicwangciso ze-IDP. ( uninzi lwazo lwaphelela ekulungiseleleni ii-LDO). Oku kwenziwa phantsi kweemeko ezinzima.Inkqubo-sakhelo esemthethweni esiqinisekisayo yayingekamiselwa. Uninzi lwamagunya engingqi (AmaBhunga amele iNguqu ngokuthe ngqo), ebengenazakhono zokulawula inkqubo yocwangciso elolo hlobo. Bekungekho ndlela yosetyenziso yocwangciso evavanyiweyo nankqubo yoqeqesho ebanzi necwangcwiswe kakuhle. Nangona kunjalo bonke abo bebethatha inxaxheba kwinkqubo ye-IDP yangaphambili bafunde lukhulu kule nkqubo. Kwaye amagunya engingqi ambalwa sele enze inkqubela phambili ebonakalayo ekusekeni indlela yokucwangcisa enokunceda ukuphucula ukufezekiswa okanye ukuphunyezwa kwamaphulo /iiprojekthi neenkqubo.
Ngoku, kanye ngexesha elifanelekileyo kumabhunga asand ' ukukhethwa, inkqubo yenkxaso ezimele ngokupheleleyo seyilungele inkqubo ezayo ye-IDP:
Kukho inkqubo yoqeqesho enabileyo kazwelonke yabalawuli boomasipala, amagosa obugcisa, ooceba kwanabo baqeqeshelwe ukucwangcisa, elungiselela abo bangabathathi-nxaxheba abavela koomasipala bonke.
Inkqubo yenkxaso enabileyo kuzwelonke yoomasipala bengingqi (PIMSS) iyasekwa kunye namaziko enkxaso akumgangatho wezithili njengenxalenye engundoqo.
Inani elivisayo loomasipala, i-SALGA, amasebe amaphondo karhulumente wengingqi kwakunye noludwe lwamasebe amacandelo kazwelonke, athathe inxaxheba kule nkqubo eye yazala le ncwadana ingumqulu osisikhokelo se-IDP. Ndiqinisekile ke ngoko ukuba ngenxa yoko, le miqulu ipapashiweyo iya kuba yincwadana esisikhokelo eluncedo ekwayinkuthazo kuni nonke nina bayinxalenye yenkqubo ye-IDP, kumalinge enu okwenza I-IDP isixhobo sokukhawulelana neemfuno zentlalo nezoqoqosho zoluntu lwethu ngokufanelekileyo.
IINCWADANA EZIZIKHOKELO KOLU THOTHO ZIQUKA:
UPHENGULULO NGOKUBANZI:
INCWADANA ESISIKHOKELO YOKU-I: IZIKHOKELO
Inika isikhokelo esisisiseko ngenjongo, iziqulatho, iinkqubo nemiba yezamaziko oCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo. Ezi zikhokelo, ngaphandle kokunika ingcaciso yoMthetho weMixokelelwano yooMasipala wama- 2000, zigqitha ngaphaya kweemfuno ezilindelekileyo nezidweliswe kulo Mthetho.
INCWADANA ESISIKHOKELO YESI-II: ULUNGISELELO
Inika uncedo ekuqulunqeni inkqubo yocwangciso. Ibeka umnwe ekucaciseni iindima noxanduva kumalungiselelo emibutho kwanokumisa ngendlela iinkqubo zocwangciso kwimigangatho eyahlukeneyo.
Inika inkcazelo eneenkcukacha yezigaba zenkqubo ye-IDP nemisebenzi yocwangciso kwisigaba ngasinye kwaneenkcukacha ezizezi:
Injongo ("Kutheni?")
Iziphumo ezifunekayo ("Yintoni?") kunye
Neenkqubo ezicetyisiweyo ("Njani?") kwanemiba yezamaziko (" Ngubani?").
INCWADANA ESISIKHOKELO YESI- IV: IZIXHOBO
Inika iindlela ezahlukeneyo zezixhobo zocwangciso/ ubuchule bocwangciso ukulungiselela imisebenzi yocwangciso engundoqo neengcebiso ekusebenzisekeni kwezixhobo.
INCWADANA ESISIKHOKELO YESI- V: AMACANDELO NEMILINGANISELO
Inika isikhokelo ngendlela yokunxulumanisa ezinye izikhokelo zemigaqo-nkqubo eqhelekileyo (ezingezo ze- IDP) okanye imigaqo-nkqubo yamacandelo kwinkqubo ye-IDP.
Inika isikhokelo :
Kuqhagamshelwano kufezekiso locwangciso.
Izixhobo zolawulo lofezekiso.
Izixhobo zolawulo zobeko esweni nokwenza.
IZIQULATHO
INTSHAYELELO
Uphengululo ngokubanzi
Yintoni uCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo?
Yintoni uCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo?
Yintoni iwonga lasemthethweni le-IDP?
iv. Kuthatha ixesha elingakanani ukuyigqiba inkqubo?
vi. Ngubani onoxanduva lokulawula inkqubo?
Ngubani ekufuneka ethathe inxaxheba kwaye kutheni?
Yintoni indima noxanduva lwamanqanaba ahlukeneyo karhulumente?
UPHENGULULO LWEENCWADANA EZIZIKHOKELO
Intshayelelo
Inkcazo emfutshane yencwadana esisikhokelo nganye
Incwadana esisikhokelo 1: Izikhokelo ngokubanzi ze-IDP
iv. Incwadana esisikhokelo IV: Izixhobo /Ingqokelela yezixhobo zocwangciso v. Incwadana esisikhokelo V: Izikhokelo zomgaqo-nkqubo zecandelo nezinabileyo vi. Incwadana esisikhokelo VI: Uphumezo nokubeka esweni
UPHENGULULO LWENKQUBO YOKUCWANGCISA
Intshayelelo
Ukulungiselela inkqubo
Isigaba 1: Ucalulo/Uhlalutyo
Isigaba 2: Iindlela zobuchule
Isigaba 3: Amaphulo/Iiprojekthi iv. Isigaba 4: Uhlanganiso v. Isigaba 5: Ukuvunywa vi. Uhlolo lwePhondo
Isakhelo sasemthethweni
A. IZICWANGCISO
Isicwangciso 1: Izibonelelo zamaqela ekujoliswe kuwo ohlukeneyo
Isicwangciso 2: Indima noxanduva lwamanqanaba ahlukeneyo karhulumente
B. IZAZOBE
Isazobe 1: Uphengululo lweencwadana ezizizikhokelo
Isazobe 2: Uphengululo lwenkqubo yokucwangcisa
INTSHAYELELO
Umqulu omtsha wencwadana esisikhokelo wahlukile kuhlelo oludala lwale ncwadana, wona lo umtsha umqulu uzama ukuba ube luxwebhu olusebenziseka lula ngokwenza oku:
a Ukwahlula-hlula ulwazi ngokwemixholo - imiqulwana ejolise kumaqela athile, oko kutsho iincwadana ezizikhokelo ezintandathu ezinokusetyenziswa nganye iyileyo izimele:
Incwadana esisikhokelo 1: Izikhokelo ngokubanzi ze-IDP
Incwadana esisikhokelo IV: Izixhobo /Ingqokelela yezixhobo zocwangciso
Incwadana esisikhokelo V: Izikhokelo zomgaqo-nkqubo zecandelo nezinabileyo
Incwadana esisikhokelo VI: Uphumezo nokuBeka esweni bUkuphepha isicwangciso esintetho ingavakaliyo kangangoko ngokuba kungacetyiswa iindlela zobuchwepheshe kwiNcwadana esisikhokelo III.
c Ukubetha koomofu ngezona mfuno zincinci kwisigaba ngasinye sendela yosetyenziso , ngolo hlobo kusahlulwa phakathi 'kwezisisinyanzelo' ngenxa yeemfuno zasemthethweni nezomgaqo-nkqubo kunye neengcebiso ezingamiseli ngokunyanzelisa kwabo bafuna nje iingcebiso ngendlela yokwenza imisetyenzana yocwangciso ethile.
Kutheni wayenza? ( oko kutsho ukuchaza injongo yomsetyenzana wocwangciso)
Yintoni emele ukuba sisiphumo somsetyenzana wocwangciso? (oko kutsho ukuchaza isiphumo)
Kufuneka ikhangeleke njani inkqubo ukuze ifike kwisiphumo?
Iza kuthatha ixesha elingakanani?
UPHENGULULO GABALALA
Ukwenza abanebango abahlukeneyo bazazi kwaye baziqonde iindima zabo kwaye bathathe inxaxheba ngokuchanekileyo kwinkqubo. Oku kuquka amasebe amaphondo nakazwelonke.
Ukunika uphengululo lokuqala nolukhawulezileyo lwenkqubo ye-IDP kwabo banoxanduva lokulawula le nkqubo.
Isishwankathelo eso senzelwe ukuba nawuphi na umntu abenokuyiqonda ngokubanzi inkqubo yoCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo. Ukuze ufumane olunye ulwazi olunzulu abo baphambili kwinkqubo mababhekise kwiNcwadana esisikhokelo esemxholweni.
Kolu xwebhu kujongwene neengongoma ezine ezi zezi:
Uphengululo lweeNcwadana ezizikhokelo
Uphengululo lwenkqubo yokucwangcisa
YINTONI UCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO ?
Yintoni uCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo?
UCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo yinkqubo apho oomasipala balungisa isicwangciso sobuchule sophuhliso sethuba leminyaka emihlanu. UCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo yimveliso yenkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. I-IDP sisixhobo esiphambili socwangciso lobuchule esikhokela kwaye sazise lonke ucwangciso, ulwabiwo-mali, ulawulo nokwenziwa kwezigqibo kumasipala.
Yintoni iwonga lasemthethweni le-IDP?
NgokoMthetho weMixokelelwano yooMasipala wama-2000, bonke oomasipala ( oko kutsho, Oomasipala beZixeko, beZithili nabeNgingqi ) kufuneka baqhube inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ukuze bavelise izicwangciso zophuhliso oluhlangeneyo (ii-IDP). Njengoko i-IDP iyimfuno yasemthethweni inewonga lasemthethweni kwaye ingaphezulu kwazo zonke ezinye izicwangciso ezikhokela uphuhliso kwinqanaba likarhulumenete wengingqi.
NgokoMthetho weMixokelelwano yooMasipala, ibhunga ngalinye elitsha elithatha isihlalo emva konyulo lorhulumente wengingqi kufuneka lilungise i-IDP yalo eza kulikhokela le minyaka mihlanu liphetheyo. Ngoko ke i-IDP ihambisana nexesha lokuphatha kooceba. Ibhunga elitsha lingakhetha, lisenokuyigcina i-IDP yebhunga elidala ukuba liyibona ifanelekile okanye liphuhlise entsha kodwa liwaqwalasele onke amaxwebhu akhoyo angocwangciso.
iv. Kuthatha ixesha elingakanani ukuyigqiba inkqubo?
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo yinkqubo yentsebenziswano nothatho-nxaxheba efuna abo banebango bazibandakanye nayo. Ngenxa yokuba iyinkqubo yothatho-nxaxheba imthatha umasipala iinyanga ezi-6 ukuya kwezi-9 ukugqiba i-IDP kwaye eli xesha lihambelana nomjikelo wolwabiwo-mali lukamasipala. Phofu ke , ngeli xesha ukufezekiswa kwezithembiso nophuhliso akumanga, kuyaqhuba. I-IDP iphengululwa minyaka le ukuze loo nto izale ukulungiswa kwesicwangciso ukuba kuyafuneka oko.
I-IDP yakhiwa zezi zinto zilandelayo:
Ucalulo/Uhlalutyo
Uhlolo lwenqanaba elikhoyo lophuhliso, kuqukwa nokuchongwa kwamabutho asekuhlaleni angazifumaniyo iinkonzo ezisisiseko.
Iindlela zobuchule zophuhliso
Umbono kamasipala (kuqukwa izidingo zenguqu zangaphakathi).
Iindlela zobuchule zophuhliso zebhunga
Amaphulo
Uhlanganiso
Isakhelo sophuhliso lweendawo
Isicwangciso solawulo lwentlekele
Isicwangciso sezemali esihlangeneyo (ulwabiwo-mali lwenkunzi nokusetyenziswa kwemali).
Ezinye iinkqubo ezihlangeneyo
Izikhomba-ndlela zokusebenza eziphambili nokusebenza okujolisiweyo
Ukuvunywa
Ngamafutshane, uCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo lungomasipala ochonga imiba/ iingxaki eziphambili ezithi zona zimise umbono, iinjongo neendlela zobuchule ezithi zilandelwe kukuchongwa kwamaphulo okujongana nale miba. Esona sigaba sinzima kwiIDP kukudibanisa ucwangciso nolwabiwo-mali lukamasipala (oko kutsho , ukwabelwa kwamaphulo achongiweyo iingxowa-mali zangaphakathi nezangaphandle) ngenxa yokuba oku kuya kuqinisekisa ukuphunyezwa kwamaphulo, ngolo hlobo uphuhliso lukhokelwe yi-IDP.
vi. Ngubani onoxanduva lokulawula inkqubo?
UCwangciso luPhuhliso oluHlangeneyo alujongananga nje nocwangciso lwendawo , yiyo loo nto ke ulawulo lwalo kungafunekanga lunikezelwe kwiSebe loCwangciso likamasipala okanye kubacebisi. Yinkqubo le yokulawula imicimbi kamasipala nendawo kamasipala, yiyo ke loo nto lunewonga eliphezulu kwamasipala. Ngokwemigqaliselo yoMthetho weMixokelelwano kaMasipala, 2000, iKomiti ePhetheyo okanye uSodolophu oPhetheyo unoxanduva lokulawula ulungiselelo lwe-IDP okanye olu xanduva alunike umlawuli wakwamasipala. Koomasipala abaninzi, umqhakamshelanisi we-IDP, onxulumene kwaye onika ingxelo ngqo kwi-ofisi yomlawuli wakwamasipala neKomiti ePhetheyo okanye uSodolophu, uyonyulwa ukuba alawule inkqubo.
Ukulungisa i-IDP yimfuno esemthethweni ngokwemigqaliselo yoMthetho weMixokelelwano yooMasipala, phofu ke asikuphela kwesizathu sokuba oomasipala balungise izicwangciso. Phantsi komgaqo-siseko omtsha, oomasipala banikwe uxanduva olukhulu lophuhliso ukuqinisekisa ukuba umgangatho wobomi babemi uphuculwe. Indima entsha yorhulumente wengingqi iquka amalungiselelo eenkonzo ezisisiseko, ukudalwa kwemisebenzi, ukhuthazo lwedemokhrasi nokuyimela into oyenzayo nokucima ubuhlwempu. Ngoko ke,ukulungisa nokuba nayo i-IDP kwenza umasipala akwazi ukulawula inkqubo yokuzalisekisa uxanduva lwayo lophuhliso.
Nge-IDP, umasipala waziswa ngeengxaki ezichaphazela ummandla kamasipala kwaye ngokukhokelwa lulwazi olufumaneka kwimithombo yobutyebi uyakwazi ukuphuhlisa nokuphumeza iindlela zobuchule ezifanelekileyo namaphulo okujongana nezi ngxaki.
Inceda ukusebenzisa ngempumelelo imithombo yobutyebi enqabileyo ngokwenza oku:
ukukhangela izisombululo ezingenandleko zibhekele phi;
ukujonga oonobangela ngaphezu kokwaba imali emayichithwe ekulweni iimpawu.
Inceda ekukhawuleziseni ukufezekiswa kwezithembiso;
ngokunika isixhobo esikhokela ukuba utyalo-mali lumele lwenziwe phi ;
ngokufumana abantu abafunekayo kuphumezo ngokunika iindlela zezigqibo zokuqhawula oonomji ngokufika kwizindululo zamaphulo eziyinene kukwaqwalaselwa nemithombo yobutyebi enqongopheleyo
Inceda ukutsala iingxowa-mali ezongezelweyo:
Xa kukho isicwangciso sophuhliso sikamasipala esicacileyo, abatyali-mali babucala namacandelo amasebe ayavuma kwaye anokuzithemba ukutyala imali yawo ngenxa yokuba i-IDP iyakhombisa okokuba umasipala ukwinkalo yophuhliso.
Inceda ukuqinisa idemokhrasi nenguqu yeziko kuba izigqibo zithathwa ngendlela yedemokhrasi nesekuhleni, ingeyiyo imeko apho iligcuntswana kuphela elineempembelelo.
Inceda ukoyisa ilifa localucalulo kwinqanaba lengingqi ngokwenza oku:
ukukhuthaza ukuhlanganiswa kweendawo zasemaphandleni nezasedolophini, amaqela ahlukeneyo ezentlalo noqoqosho, iindawo apho abantu basebenza khona, njalo njalo;
ukuncedisa ekwabiweni kwakhona kwemithombo yobutyebi ngenkqubo yokucebisana
Ikhuthaza ukusebenza kunye kukarhulumente ngokwenza lula ubukho bomxokelelwano wonxibelelwano nowokusebenza kunye phakathi kwamanqanaba karhulumente kwingingqi, iphondo nozwelonke.
I-IDP kwakhona inika izibonelelo ezithile kumaqela ahlukeneyo ekujoliswe kuwo angala:
Abanebango
Izibonelelo/Iinzuzo a Ibhunga likamasipala
Yenza umasipala:
Aafikelele kuphuhliso lwemithombo yobutyebi notyalo-mali lwangaphandle
Aaphuhlise ubudlelwane bentsebenziswano kunye nabanebango kwanamabutho asekuhlaleni
Aabeke esweni indlela asebenza ngayo amagosa.
b Ooceba
Iinika amalungu ebhunga indlela yokunxibelelana namaqela abavoti;
Yyenza amalungu ebhunga akwazi ukumela amaqela abo abavoti kakuhle ngokuba enze izigqibo ezisekwe kulwazi
Yyenza amalungu ebhunga akwazi ukuthatha umlinganiselo wendlela asebenza ngayo cAmagosa kamasipala
Iinika amagosa indlela yokunxibelelana namalungu ebhunga
Yyenza amagosa akwazi ukuba negalelo kumbono kamasipala
Yyenza amagosa abe yinxalenye yenkqubo yokuthathwa kwezigqibo.
d Amabutho asekuhlaleni nabanye abanebango
Iibanika ithuba lokumisa indlela kamasipala yophuhliso
Iinika indlela yokuba banxibelelane namalungu ebhunga kwaneqela elilawulayo;
Iinika indlela abanokuthi ngayo bathathe umlinganiselo wendlela abasebenza ngayo ooceba nomasipala ewonke.
e Icandelo lamasebe kaZwelonke nePhondo
IImithombo emininzi ebonakalayo yokuphunyezwa kwamaphulo ikumacandelo amasebe. Ubukho beIDP bunika isikhokelo kumasebe ngendawo apho zifuneka khona iinkonzo zawo ukuze nemithombo yobutyebi yabelwe ezo ndawo.
f Icandelo labucala
II-IDP isebenza njengencwadana esisikhokelo kumacandelo abucala ekuthatheni izigqibo ngokubhekiselele kwiindawo nakumacandelo emakutyalwe kuwo imali.
Isicwangciso 1: Izibonelelo/Iinzuzo ze-IDP zamaqela ahlukeneyo ekujoliswe kuwo
Xa kungekho IDP umasipala uza kusebenza ngendlela engacwangciswanga nengenantsebenziswano , loo nto ke iya kukhokelela ekuphindweni kwento esele ikho nakwinkcitho yemithombo yobutyebi enqongopheleyo. Futhi, ukungabikho kwesixhobo sikamasipala sokukhokela uphuhliso kungabangela ukuba amanye amanqanaba karhulumente anyanzelise ezawo iinkqubo zophuhliso, ezisenokwenzeka ukuba azidlali ndawo iphambili kummandla kamasipala.
NGUBANI EKUFUNEKA ETHATHE INXAXHEBA KWAYE KUTHENI?
Njengoko sele kutshiwo ngasentla, inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo yinkqubo apho kuthathwa inxaxheba kwaye ifuna igalelo kubadlali-ndima, aba ngaba:
Amagosa
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ayingomsebenzi weSebe loCwangciso likamasipala. Yonke into eyenziwa ngamasebe kuqukwa indawo yogcino lweengxowa-mali nemithombo yoluntu, kufuneka ikhokelwe sisixhobo sikamasipala solawulo esiyi-IDP. Ngenxa yoko , onke amasebe kufuneka abandakanyeke ngqo kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Ooceba
Ooceba kufuneka badlale indima ephambili kwinkqubo ye-IDP. I-IDP asiyondlela nje kuphela yokuba kuthathwe ngayo izigqibo, ikwaqulethe izidingo neminqweno yamaqela abavoti. Ngoko ke ooceba kufuneka bathathe inxaxheba ukuqinisekisa ukuba imicimbi yamabutho asekuhlaleni abo ibekwe kakuhle kwaye ihoyiwe.
Abo bakwamasipala abanebango
I-IDP ingokuphawula oondoqo nezidingo zabo banebango nezamabutho asekuhlaleni ngenjongo yokwenza igalelo ekuphuculweni komgangatho wobomi. Inxaxheba yebutho lasekuhleni nabo banebango ekuphawuleni ezi zidingo yeyona nto isentliziyweni yenkqubo yeIDP. Umgaqo-siseko noMthetho weMixokelelwano yooMasipala ucacisa gca ukuba umasipala umele aqulunqe ukubandakanyeka nokuzinikezela kwaba banebango ngokuba aseke inkqubo echanekileyo yothatho-nxaxheba. Umasipala kufuneka aqinisekise ngokukodwa inxanxeba yaloo maqela ebekade ehlelelekile umzk. abafazi, abalimeleyo, njalo njalo ukuze amazwi abo aviwe.
Kwimeko yabo banebango kodwa bengacwangcanga, imibutho engeyokarhulumente (iiNGO) okanye eminye imithombo yabantu badlala indawo ephambili kakhulu ukumela imidla yalo maqela. Ubume benkqubo ye-IDP buvumela bonke abanebango abahlala okanye abaqhuba ushishino kwindawo kamasipala ukuba babe negalelo ekulungiseni nasekuphuhliseni isicwangciso sophuhliso.
Ngokuzikhuphela ecaleni ekuthatheni inxaxheba, abanebango baxhobisa abanye abantu ukuba bathathe izigqibo endaweni yabo, mhlawumbi zizigqibo ezingenzi mdla kubo.
Icandelo lamasebe ePhondo nakaZwelonke
I-IDP imele ikhokele apho icandelo lamasebe lisaba imithombo yobutyebi kwinqanaba likarhulumente wengingqi. Kwangaxesha-nye , umasipala kufuneka ayithathele ingqalelo imigaqo-nkqubo neenkqubo zecandelo lamasebe xa ephuhlisa imigaqo-nkqubo neendlela zobuchule ezizezakhe. Kusemdleni wecandelo lamasebe ke ngoko ukuthatha inxaxheba kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ukuqinisekisa ukuba kukho ulungelelaniso phakathi kweenkqubo zawo nezo zikamasipala.
Ngenxa yokuba i-IDP ibandakanya inxaxheba yabo banebango abaninzi, kubalulekile ukuba umasipala asebenzise inkqubo echanekileyo kwaye abe nawo namaqumrhu afanelekileyo ukuqinisekisa uthatho-nxaxheba olunempumelelo. Nantsi imithetho-siseko yokuthatha inxaxheba.
Ibhunga elonyuliweyo lelona qumrhu lengxoxo lokugqibela lokwenza izigqibo ngeeIDP. Indima yedemokhrasi yokuthatha inxaxheba kukwazisa, ukuthethana nokwenza amagqabantshintshi ngezo zigqibo zenkqubo yocwangciso/yokwenza izigqibo.
Ukuthatha inxaxheba kukawonke-wonke kufuneka kwenziwe ngokwamaziko ngenjongo yokuqinisekisa ukuba bonke abahlali belizwe banelungelo elilinganayo lokuthatha inxaxheba. Ukwenziwa ngokwamaziko kokuthatha inxaxheba kuthetha:
ukubeka ezona mfuno zincinci ezicacileyo zemigaqo yokuthatha inxaxheba ebhekisa kubo bonke oomasipala ngendlela yemithetho-siseko ukunika isakhelo esingoqulunqo esaziwayo esisemthethweni
Ukuthatha inxaxheba okuqulunqiweyo: Uninzi loomasipala abatsha bakhulu kakhulu ngokubhekiselele kubungakanani babantu nommandla ukuba bangavumela ukuthatha inxaxheba yoninzi lwabahlali kwiinkqubo ezintsonkothileyo zocwangciso. Ngoko ke, ukuthatha inxaxheba kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo, kudinga iimithetho nemigaqo exelayo ukuba ngubani othatha inxaxheba okanye ngubani omakabuzwe, endaweni kabani, ngawuphi umcimbi, ngeyiphi indlela yombutho, ngasiphi isiphumo.
Ukungafani/ Iintlobo-ntlobo: Indlela okuqulunqwe ngayo ukuthatha inxaxheba kukawonke-wonke kufuneka kunike umhlaba wokungafani, oko kutsho iindlela neenkcubeko ezahlukeneyo kuthatho-nxaxheba . Ngeli xesha kufuneka kubekho isakhelo sommiselo jikelele sothatho-nxaxheba oluqulunqwe ngokwamaziko, esi sakhelo kufuneka sivuleke ngokwaneleyo ukuze amaphondo noomasipala benze uhlengahlengiso olufunekayo.
Ukhuthazo lokuthatha inxaxheba kukawonke-wonke ngurhulumente kamasipala kufuneka lwahlule phakathi:
kokudala iimeko zokuthatha inxaxheba kukawonke-wonke olisisinyanzelo kubo bonke oomasipala (kuhambelana noMthetho weMixokelelwano yooMasipala);
kokukhuthaza ukuthatha inxaxheba kukawonke-wonke ekufuneka kwenziwe ngokukodwa ngokubhekiselele kumaqela ahlelelekileyo nolingano ngokwesini ngokweemeko namandla kumasipala.
YINTONI INDIMA NOXANDUVA LWAMANQANABA AHLUKENEYO KARHULUMENTE?
Uxanduva lokulungisa nokwamkela ii-IDP luxhomekeke koomasipala. Phofu ke, ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ngumxokelelwano karhulumente wocwangciso ofuna ukubandakanyeka kwamanqanaba omathathu karhulumente. Amanye amagalelo kufuneka enziwe ngurhulumente wephondo nokazwelonke ukuncedisa kucwangciso lukamasipala.
Iindima noxanduva olwahlukeneyo phakathi kwala manqanaba mathathu ziquka:
Inqanaba likarhulumente
Iindima noxanduva
a Umasipala wengingqi b Umasipala wesithili c Izixeko
UUkunika inkxaso koomasipala bengingqi abahluphekayo
UUkuncedisa ekuqulunqeni isakhelo esiya kuqinisekisa intsebenziswano nolungelelaniso phakathi koomasipala nesithili
ELEPHONDO
a Isebe loRhulumente weNgingqi b Icandelo lamasebe
UUkuncedisa kulungelelaniso lweeIDP nemigaqo-nkqubo neenkqubo zesebe
kUkunika ulwazi olusemxholweni ngemigaqo-nkqubo, iinkqubo nohlahlo lwabiwo-mali lwecandelo lamasebe
UUkwenza igalelo lobuncutshe becandelo nolwazi ekwakhiweni kwemigaqo-nkqubo neendlela zobuchule zikamasipala
ELIKAZWELONKE
a Isebe likaRhulumente wePhondo noweNgingqi b Icandelo lamasebe
UUkukhupha Izikhokelo zoCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo
UUkuseka uMxokelelano weNkxaso yoLawulo loCwangciso noPhumezo kUkunika ulwazi olusemxholweni ngemigaqo-nkqubo, iinkqubo nohlahlo lwabiwo-mali lwecandelo lamasebe
UUkwenza igalelo lobuncutshe becandelo nolwazi ekwakhiweni kwemigaqo-nkqubo neendlela zobuchule zikamasipala
Isicwangciso 2: Iindima noxanduva lwamanqanaba ohlukeneyo
UPHENGULULO LWEENCWADANA EZIZIKHOKELO
Intshayelelo
Umqulu we-IDP osisikhokelo wenziwa ziiNcwadana ezizizikhokelo ezi-6 ezi zezi:
Incwadana esisikhokelo I: Izikhokelo ngokubanzi ze-IDP
Incwadana esisikhokelo IV: Izixhobo /Ingqokelela yezixhobo zocwangciso
Incwadana esisikhokelo V: Izikhokelo zomgaqo-nkqubo zecandelo nezinabileyo
Incwadana esisikhokelo VI: Uphumezo nokuBeka esweni
Incwadana esisikhokelo nganye, kwiindawo ezahlukeneyo zenkqubo ye-IDP, inegalelo ekulungiseni isicwangciso sophuhliso oluhlangeneyo oomasipala abanokusiphumeza baze basisebenzise njengesixhobo sommandla kamasipala. Kubalulekile ukuba abantu abanoxanduva lolawulo lwenkqubo yeIDP ukuba baqhelane nokuqulethwe yiNcwadana esisikhokelo nganye kwaye bakwazi nokuyisebenzisa ngexesha lenkqubo ye-IDP. Ezi Ncwadana ezizikhokelo azidingi ukuba zisetyenziswe ngokulandelelana okuthile. Kufuneka kuqhakamshelwane nazo kumanqanaba ohlukeneyo enkqubo.
Baninzi abadlali-ndima kwinkqubo ye-IDP, ngamnye kubo umele azalisekise iindima ezizodwa noxanduva olulodwa. Ezinye zeNcwadana ezizikhokelo zijolise kubadlali-ndima abathile abazalisekisa iindima ezithile kwinkqubo. Phofu ke bonke abanye abadlali-ndima kufuneka bafikelele kuzo zonke iiNcwadana ezizikhokelo xa befuna ukuqonda nzulu ngokuqulethwe yiNcwadana esisikhokelo nganye.
INKCAZO EMFUTSHANE YENCWADANA ESISIKHOKELO NGANYE
Incwadana esisikhokelo 1: Izikhokelo ngokubanzi zeIDP
Injongo
Incwadana I esisikhokelo inika ulwazi olunzulu ngenjongo noqhelaniso locwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Inale njongo ilandelayo:
Ukudala umqaphela ongcono wokuba semxholweni kwaneenzuzo zeIDP
Ukunika isikhokelo esicace gca ngenkqubo ye-IDP, iziphumo ezilindelekileyo nobudlelwane nezinye iinkqubo ezinokunceda ukuzalisekisa ezona mfuno zincinci ezisemthethweni zoMthetho weMixokelelwano yooMasipala.
Iqela ekujoliswe kulo
Abalawuli bakamasipala nabalawuli be-IDP kufuneka beyiqonde kakuhle iNcwadana esisikhokelo I ukuze bakwazi ukulungelelanisa nokulawula inkqubo, ngeli xesha abacwangcisi nabancedisi kufuneka babe nako ukukhokela inkqubo ngokuchanekileyo. Abanye abadlali kufuneka bawuqonde umxholo wocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo nendlela abanganegalelo ngayo.
Okuqulathwe yiNcwadana esisikhokelo
Oku kulandelayo ziingongoma eziqulethwe kwiNcwadana esisikhokelo I;
Kutheni kukho izikhokelo zoCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo?
Injongo yoCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo lukamasipala
Ukuthathela ingqalelo izikhokelo ezikhoyo zomgaqo-nkqubo kazwelonke
Okuthethwa luCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo lukamasipala kumxokelelwano karhulumente wocwangciso lophuhliso
Ukulungelelanisa ucwangciso lukamasipala lwecandelo nocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo
Iindima noxanduva loomasipala besithili nabengingqi
Amalungiselelo angawoququzelelo loCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo
Ukuthatha inxaxheba kukawonke-wonke kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo
Imixokelelwano yenkxaso yocwangciso lukamasipala
Incwadana esisikhokelo I iluncedo lokuba kubhekiswe kuyo kwinqanba lolungiselelo.
Injongo
Nawuphi na umasipala phambi kokuba aqalise ngenkqubo yocwangciso, kufuneka enze amalungiselelo. Injongo yeNcwadana esisikhokelo II kukuncedisa oomasipala ngamalungiselelo enkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ukuze:
Kuqinisekiswe inkqubo yocwangciso oluqulunqwe kakuhle olunokubandakanyeka okunempumelelo kwabadlali abasemxholweni
Kuqinisekiswe ukuba i-IDP iba sisixhobo senguqu seziko
Ukuncedisa oomasipala ukucwangcisa inkqubo ngokweemfuno zoMthetho weMixokelelwano yooMasipala.
Amaqela ekujoliswe kuwo
Amaqela ekujoliswe kuwo yile Ncwadana esisikhokelo ngala: abalawuli bakamasipala nabalawuli be-IDP- bakwazi ukuqulunqa balawule inkqubo kakuhle, abacwangcisi abaqeqeshiweyo- bakwazi ukuyisebenzisa ngendlela elula enokujika-jika nekwaziyo ukuyila nabanye abadlali - balwazi uphengululo lweNcwadana esisikhokelo ukuze bakwazi ukuzalisekisa iindima zabo ngendlela echanekileyo.
Okuqulethwe yiNcwadana esisikhokelo
Incwadana esisikhokelo II inika isikhokelo soku:
Ukuyiqonda iNcwadana esisikhokelo II kuyimfuneko phambi kokuqala inkqubo yocwangciso. Inceda oomasipala ukuba balungise iinkqubo namaqumrhu abaza kuwadinga baze balungise inkqubo yocwangciso. Kwangexesha elinye, iNcwadana esisikhokelo II iluncedo kuba isisikhomba-ndlela ngexesha lenkqubo ye-IDP.
Injongo
Injongo yeNcwadana esisikhokelo III inika umasipala isikhokelo sendlela emayilandelwe ekwenzeni i-IDP. Iziqulatho zishwankathelwe kwicandelo 4 oko kutsho inkqubo yocwangciso.
Iqela ekujoliswe kulo
Incwadana esisikhokelo III ijolise kubadlali-ndima abadinga ulwazi oluneenkcukacha nolobuchule lwenkqubo ye-IDP ngenxa yendima abayidlalayo. Umlawuli we-IDP kufuneka ayiqonde kakuhle iNcwadana esisikhokelo III ukuze akwazi ukuqulunqa nokulawula inkqubo. Abacwangcisi abaqeqeshiweyo nabancedisi nabo badinga ukuyiqonda ngokucacileyo ukuze bakwazi ukukhokela inkqubo kwaye bavelise amaxwebhu asemxholweni.
Le Ncwadana esisikhokelo ngundoqo kwinkqubo yocwangciso. Kufuneka isetyenziswe kwisigaba ngasinye senkqubo yocwangciso.
Injongo
Incwadana esisikhokelo IV yibhokisi yezixhobo enika izixhobo ezahlukeneyo ezokucalula nezokwenza izigqibo neendlela zobugcisa ezingasetyenziswa kwinkqubo yocwangciso. Izixhobo azisosinyanzelo kwaye ziyahluka ngokubhekiselele ekusebenzisekeni kwiindidi ezahlukeneyo zoomasipala.
Iqela ekujoliswe kulo
Iqela ekujoliswe kulo kwiNcwadana esisikhokelo IV ngabacwangcisi abaqeqeshiweyo nabancedisi abanoxanduva lokusebenzisa izixhobo ezinikiweyo.
Incwadana esisikhokelo-IV kufuneka isetyenziswe kunye neNcwadana esisikhokelo III. Izixhobo zisetyenziswa kumanqanaba ahlukeneyo kwinkqubo yocwangciso kwaye kwezinye iimeko esi sixhobo sinye singasetyenziswa amatyeli amaninzi.
v. Incwadana esisikhokelo V: Izikhokelo zomgaqo-nkqubo zecandelo nezinabileyo
Injongo
Injongo yeNcwadana esisikhokelo V kukwenza oomasipala baqonde eminye imithetho-siseko kazwelonke neyephopndo neenkqubo ekumele zithathelwe ingqalelo xa kulungiswa izicwangciso zikamasipala zophuhliso.
Iqela ekujoliswe kulo
Iqela ekujoliswe kulo liquka abalawuli bakamasipala nabalawuli be-IDP njengoko kufuneka beqinisekise ukuba imigaqo-nkqubo neenkqubo ezisemxholweni zithathelwe ingqalelo kwi-IDP kamasipala kwanabacwangcisi abaqeqeshiweyo nabavelisi abafuna ukwazi ukuba iimfuno zingalungiselelwa njani na kwinkqubo.
Injongo
Amaqela ekujoliswe kuwo
Amaqela ekujoliswe kuwo ngalawo anomsebenzi wokuqinisekisa ukuba ukuphunyezwa kuyahambelana ne-IDP oko kutsho Umlawuli wakwaMasipala noNondyebo, neeNtloko zaMasebe namagosa azo anoxanduva lokulawula ukuphunyezwa kwamaphulo athile.
Incwadana esisikhokelo kufuneka ithathelwe ingqalelo ngezigaba zophumezo, zokubeka esweni nezophengululo.
ISAZOBE 1: UPHENGULULO LWEENCWADANA EZIZIKHOKELO
Ukulungiselela ucwangciso
Incwadana esisikhokelo I: Izikhokelo ngokubanzi ze-IDP
Ikunika isikhokelo esisisiseko ngenjongo, iinjongo nemiba yeziko ye-IDP, edlulayo kwiimfuno ezakhe zancinci njengoko zixeliwe kuMthetho weMixokelelwano yooMasipala
Ikunceda ukuceba inkqubo yocwangciso
Ukucwangcisa
Incwadana esisikhokelo IV: Ingqokelela yezixhobo zocwangciso
Ikunika iindela ezininzi onokuzikhetha ngezixhobo zocwangciso ongazisebenzisa kwinqkubo nganye
Uza kubhekisa kuzo zombini
Ulwazi :
ngamagalelo afunekayo ngeenkqubo ekucetyiswe ngazo ukuze zikukhokele kwinkqubo
Uza kubhekisa kuzo zombini
Incwadana esisikhokelo V: Izikhokelo zomgaqo-nkqubo zecandelo nezinabileyo
Ukuphumeza
Incwadana esisikhokelo VI: Uphumezo nokuBeka esweni
Ulwazi:
Ukuwulungela kweziko umsebenzi
Izixhobo zolawulo
Izixhobo zokuBeka esweni nezoLawulo lokusebenza
UPHENGULULO LWENKQUBO YOKUCWANGCISA
Eli candelo linika isishwankathelo sendlela yosetyenziso locwangciso ecetyiswe kumqulu weeNcwadana ezizizikhokelo. Inkcukacha ngendlela yosetyenziso iqulethwe kwiNcwadana esisikhokelo III.
Intshayelelo
Ucwangciso lobuchule lwenzeka kumjikelo owenziwa ngamanqanaba amakhulu amane:
Ucwangciso- ukuchongwa kwemibandela, iinjongo neendlela zobuchule
Ukwabiwa kwemithombo yobutyebi- imithombo yoluntu neyezemali izinikele kumaphulo
Ukuphumeza- ukuqhutywa kwamaphulo ajongene nezi njongo.
Ukubeka esweni nokuphengulula- ngexesha lokucwangcisa izikhomba-ndlela zokusebenza ziyayilwa ukuze zibeke esweni uphumezo kwanemiphumela yoko. Isiphumo sokubeka esweni ngamanye amaxesha sizala uhlengahlengiso lwenkqubo yocwangciso nophumezo.
Inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ilandela umjikelo nenzululwazi yokuqiqa efanayo kwinkqubo ethiwe gqaba-gqaba apha ngezantsi
UKULUNGISELELA INKQUBO
Kukho umsebenzi wolungiselelo ekufuneka wenziwe phambi kokuqalisa kwenkqubo yocwangciso.Amalungiselelo aquka ukuveliswa "kwenkqubo yesicwangciso ye-IDP". Udweliso lwenkqubo luyafuneka ukuqinisekisa ulawulo olusemgceni lwenkqubo yocwangciso. Kufuneka iquke oku:
Amaqumrhu eziko kufuneka asekwe ukuze alawule inkqubo
Amaqumrhu okuthatha inxaxheba makasekwe
Uludwe lwexesha lenkqubo yocwangciso
Iindima noxanduva (ngubani oza kwenza ntoni)
Indlela eya kubekwa ngayo esweni inkqubo
Isakhelo soCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo"
Kwakhona njengenxalenye yenqanaba lolungiselelo, ibhunga lesithili ngokubonisana noomasipala bengingqi kufuneka lamkele isakhelo socwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Isakhelo simisa imigaqo yentsebenziswano, ukubonisana nolungelelaniso phakathi koomasipala besithili nabengingqi ukuze ke ngoko sibamanye kunye. Isakhelo sikhokela umasipala wengingqi ngamnye ekulungiseni inkqubo yesicwangciso
Indlela yosetyenziso yoCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo inezi zigaba zilandelayo:
Ucalulo /Uhlalutyo
Iindlela zobuchule
Amaphulo/Iiprojekthi
Uhlanganiso
Ukuvunywa
Isigaba 1: Ucalulo
Inkqubo
Isigaba socalulo sijongene nemeko le ikhoyo. Lucalulo olungqalileyo lohlobo lweengxaki abantu abajongene nazo kummandla kamasipala. Imibandela idla ngokuba zizidingo zeenkonzo ezisisiseko kuye kutsho kulwaphulo-mthetho nokungaphangeli. Iingxaki ezichongiweyo zijongwa ngokokungxamiseka okanye ngokubaluleka ukuze kuziwe nezinto ekufuneka ziqwalaselwe kuqala oko kutsho imibandela engundoqo/ephambili.
Ekuchongeni iingxaki, umasipala uqwalasela iindlela abantu abazibona ngayo iingxaki nezidingo zabo, kodwa namanqaku namanani ngokunjalo. Kubalulekile kwesi sigaba ukuba umasipala angaqondi nje iimpawu , kodwa oonobangela beengxaki ukuze enze izigqibo ezisekwe kulwazi ngezisombululo ezizizo. Uthatho-nxaxheba kwabanebango nokwebutho lasekuhlaleni kubalulekile kwesi sigaba. Umasipala akufunekanga azicingele nje ngokwakhe ukuba zintoni iingxaki kulo mmandla. Abantu abachaphazelekayo kufuneka babandakanyeke ekuxeleni iingxaki nobungakanani bazo.
Kubalulekile ukumisa imibandela engundoqo kuba umasipala akasayi kubanayo imithombo yobutyebi eyaneleyo yokujongana nayo yonke imibandela echongwe ngamaqela ahlukeneyo ebutho lasekuhlaleni. Ukubeka ngokokubaluleka kuncedisa umasipala akwazi ukwabela imibandela ephambili loo mithombo yobutyebi enqongopheleyo.
Umasipala kufuneka ayiqaphele imithombo yobutyebi ekhoyo nefikelelekayo nenqongopheleyo ukuze kuthathwe izigqibo ezizizo ngezisombululo.
Iimveliso
Iimveliso zesi sigaba zezi:
Uhlolo lwesi sigaba sikhoyo sophuhliso
Imibandela engundoqo okanye iingxaki
Ulwazi ngoonobangela bemibandela/ iingxaki ezingundoqo
Ulwazi ngemithombo yobutyebi efumanekayo
Isigaba 2: Indlela zobuchule
Inkqubo
Xa ke ngoku umasipala eziqonda iingxaki ezichaphazela abantu bommandla kwanoonobangela, kufuneka akhe izisombululo zokuhoya ezi ngxaki. Esi sigaba siquka ukwakhiwa koku:
Umbono - Umbono yinkcazelo exela imeko umasipala angathanda ukuyibona ikuyo impumelelo yakhe kwithuba elide. Le yimeko umasipala angazibona ekuyo xa ethe wazihoya iingxaki ezichongwe kwiSigaba 1.
Iinjongo zophuhliso- xa imibandela engundoqo ichongiwe kwiSigaba 1, kufuneka iguqulwe ibe ziinjongo. Iinjongo zophuhliso ziinkcazelo zokuba yintoni umasipala angathanda ukuyizuza kwithuba eliphakathi ngenjongo yokuhoya imibandela (iingxaki) kwaye abe negalelo ekuphumezeni umbono. Ngamanye amazwi iinjongo kufuneka zivale isikhewu phakathi kwento eqondwayo ngoku nombono.
Iindlela zobuchule zophuhliso- Xa umasipala esazi apho afuna ukuya khona (umbono) kwaye nento afuna ukuyizuza ukuphumeza umbono (iinjongo), kufuneka aphuhlise iindlela zobuchule. Iindlela zobuchule zophuhliso zinika iimpendulo kumbuzo wokuba umasipala uza kufika njani kwiinjongo zakhe. Zizigqibo zobuchule ngezona ndlela zisemgceni zokuphumelelisa iinjongo.
Ukuchonga iphulo
Xa iindlela zobuchule zakhiwe, zizala ukuchongwa kwamaphulo.
Uthatho-nxaxheba lukawonke-wonke lwenzeka kwiSigaba 2 ngohlobo lwengxoxo-mpikiswano kawonke-wonke ngeendlela ezizizo zokusombulula iingxaki.
Imveliso
Iimveliso zeSigaba 2 ziquka:
Umbono
Iinjongo
Iindlela zobuchule
Amaphulo achongiweyo
Isigaba 3: Amaphulo
Inkqubo
Isigaba 3 singoyilo neenkcukacha zamaphulo aza kuphunyezwa. Umasipala kufuneka aqinisekise ukuba amaphulo achongiweyo ayadibana nemibandela engundoqo neenjongo ezichongiweyo kwizigaba ezidlulileyo. Kufuneka licacelwe iqela ekujoliswe kulo (iindlalifa ) apho likhoyo iphulo, liza kuqala nini liphele nini, ngubani oza kuba noxanduva lokulilawula, liza kubiza malini. Ngaphezu koko izinto ekujoliswe kuzo nezikhomba-ndlela zakhiwe ukuze kuthathwe umlinganiselo wokusebenza nomphumela wephulo.
Iimveliso
Iimveliso zesigaba ziquka:
Iimveliso zephulo, izinto ekujoliswe kuzo, indawo
Imisetyenzana enxulumene nephulo noludwe lwexesha
Uqikelelo lweendleko nolohlahlo lwabiwo-mali
Ukuyila amaphulo kufuna igalelo leengcali zisebenze namaqela okwakha amaphulo. Abanebango namabutho asekuhlaleni achaphazelekayo kwiphulo elithile athatha inxaxheba kwesi sigaba kwimibuzo enxulumene noyilo lwephulo.
Inkqubo
Xa amaphulo sele echongiwe, umasipala kufuneka aqiniseke ukuba ahambelana neenjongo neendlela zobuchule kwakunye nesakhelo semithombo yobutyebi kwaye ayazithobela iimfuno zasemthethweni. Ngaphezu koko eli nqanaba lithuba likamasipala lokudibanisa amaphulo ngokubhekiselele kwiziqulatho, indawo nexesha ukuze kufikwe kwinkqubo ehlangeneyo umzk. inkqubo yengingqi yophuhliso loqoqosho.
Iimveliso
Imveliso kwesi sigaba yindlela yobuchule yokusebenza equka:
Isicwangciso sezemali seminyaka emi-5
Inkqubo yeminyaka emi-5 yotyalo-mali lwemali eyinkunzi
Iinkqubo zecandelo ezihlangeneyo (LED, HIV, ukulwa ubuhlwempu, ulingano ngokwesini njalo njalo)
Umxokelelwano omanyeneyo wolawulo lokubeka esweni /lokusebenza
Isicwangciso sokulawula intlekele
Isicwangciso seziko
Ukubhekisa kwizicwangciso zecandelo v. Isigaba 5: Ukuvunywa
Inkqubo
Xa i-IDP igqityiwe, kufuneka ingeniswe kwibhunga likamasipala ukuze iqwalaselwe kwaye ivunywe. Ibhunga kufuneka lijonge ukuba ingaba i-IDP iyayichonga na imibandela okanye iingxaki ezichaphazela ummandla kwaye nento yokuba iindlela zobuchule namaphulo ziya kuzilwa kangakanani na ezi ngxaki. Ibhunga kufuneka kwakhona liqinisekise ukuba i-IDP ithobela iimfuno zasemthethweni phambi kokuba ivunywe.
Imveliso
Uhlolo lwePhondo
Xa umasipala eyamkele i-IDP, kufuneka kwithuba leentsuku ezili-10 zolwamkelo angenise ikopi kunye ne 'Nkqubo yesicwangciso' ne 'Sakhelo se-IDP' (kwimeko kaMasipala weSithili) kuMphathiswa weSigqeba soLawulo ukuze iphondo liyihlole. UMthetho weMixokelelwano yooMasipala awufuni uMphathiswa weSigqeba soLawulo ukuze uvume -IDP, uhlola kuphela ukuba i-IDP iyazithobela na iimfuno zoMthetho kwaye ayingquzulani na neendlela zobuchule ze-IDP zabanye oomasipala okanye imibutho yombuso.
ISAZOBE 2: UPHENGULULO LWENKQUBO YOCWANGCISO
ISIGABA 1: UCALULO
Ukuqokelela iinkcukacha ezikhoyo
Iintlanganiso naMalungu eButho lasekuhlaleni naBanebango
Ukuvumelana neMibandela enguNdoqo
Ukucalula umxholo weMibandela enguNdoqo
ISIGABA 2: IINDLELA ZOBUCHULE
Ukuvumelana nombono neenjongo
Ukuthathela ingqalelo ukuba semxholweni nokusetyenziswa kwezikhokelo zomgaqo-nkqubo kwimeko yengingqi
Ingxoxo-mpikiswano nokuthatha izigqibo ngeendlela zobuchule ezisemgceni
ISIGABA 3: AMAPHULO
Ukwakhiwa kwezindululo zephulo
ISIGABA 4: UHLANGANISO
Ukuhluza, ukulungelelanisa, ukudibanisa nokuvumelana nezindululo zamaphulo
Ukuqokelela udweliso lweenkqubo ezihlangeneyo
ISIGABA 5: UKUVUNYWA
Ukumema nokufakela amagqabantshintshi
Ulwamkelo libhunga
Ifomu nokuqulethwe luxwebhu lwe-IDP ubukhulu becala (ngaphandle kwezo ziqulatho zimiselwe kuMthetho weMixokelelwano yooMasipala) iphantsi kolawulo lomasipala ngamnye. Ngoko ke uluhlu lweziqulatho alumiselwanga.
Uluhlu lweziqulatho sisixhobo esiluncedo kakhulu esinika umfanekiso wokuba i-IDP inokukhangeleka njani. Lo mzekelo olandelayo unganceda ukuba ube nomfanekiso, kodwa awumelanga uthintele nawuphi na umntu ukuba aphuhlise ezakhe izimvo.
ULUHLU LWEZIQULATHO Inani lamaphepha
Inkqubo yocwangciso (3-6)
Amalungiselelo/iindima noxanduva lweziko (1-2)
Uphengululo lwenkqubo: Amanqanaba neziganeko (1-2)
Ukuzihlola kweNkqubo yoCwangciso (1-2)
Imeko (30-40)
Into ekuyiyo ngoku: amanqaku namanani asisiseko (3-5)
Imibandela enguNdoqo ngokokuBona kukaMasipala (1-2)
Ucalulo/uhlalutyo lwendawo: iipateni nokusingiselwe kuko (2-4)
Ucalulo kwezentlalo: Imeko yobuhlwempu nemibandela engqalene nesini (2-3)
Ucalulo lwezoqoqosho: Iipateni eziyintloko nokusingiselwe kuko (1-2)
Ucalulo lwemeko-bume: Imingcipheko eyintloko nokusingiselwe kuko (1-2)
Ucalulo lweziko: Amandla nobuthathaka bolawulo lukamasipala (1-2)
Imibandela enguNdoqo kuMxholo: Iingxelo ezishwankathelayo zocalulo olunzulu (15-20)
Iindlela zobuchule zoPhuhliso (25-40)
Umbono kaMasipala 
Izikhokelo zeendlela zobuchule ezenzelwe ingingqi (15-20)
Iinjongo neendlela zobuchule zoMbandela onguNdoqo ngamnye kuqukwa iinjongo, imithombo yobutyebi ekhoyo, ezinye iindlela emaziqwalaselwe, uhlolo nendlela yobuchule ecetywayo 10-15
Uluhlu olusisishwankathelo samaphulo achongiweyo (1-2)
Amaphulo Iphepha elinye elibonisa ifomathi yephulo (jonga 3/3) (15-30)
Iindlela zobuchule zokwenza (16-25)
Isicwangciso sokusebenza seminyaka emi-5 (1-2)
Isicwangciso sezemali seminyaka emi-5 (1-2)
Inkqubo yoTyalo-mali lwemali eyiNkunzi (1-2)
Isakhelo soPhuhliso seNdawo esiHlangeneyo (3-5)
-5.8 Iinkqubo eziHlangeneyo zezeNtlalo, ezoqoqosho, ezemeko-bume nezeziko (6-10)
Isicwangciso soLawulo lweNtlekele (2-3)
-10 Umxokelelwano wokubeka esweni nowokuhamba kolwazi (2-3)
Uncitshiso Uphuhliso lukamasipala Imeko-bume ezolileyo lwentlupheko oluzinzileyo
Ukefezekiswa Uphuhliso lwezoqoqosho Inguqu kwiziko Uhlanganiso lweendawo
Kweenkonzo lwengingqi
Eziphuculweyo ngokukhawuleza ezininzi ezichanekileyo ezinempumelelo
Inkqubo ehlangeneyo yocwangciso nokufezekiswa kwezithembiso
Inkqubo-sakhelo esemthethweni nomgaqo nkqubo osemthethweni
Umqulu osisikhokelo
Inkqubo yoqeqesho
Uphuhliso lwezakhono
Isebe likaRhulumente wePhondo noweNgingqi linomyalelo wasemthethweni wokunika imeko-bume ebavumelayo oomasipala ukuba bazalisekise uxanduva lwabo lokulungisa ii-IDP. Indlela yobuchule yenkxaso yeSebe likaRhulumente wePhondo noweNgingqi yenziwe ziintsika ezine njengoko kubonisiwe kwisazobe esingasentla.
I. ISAKHELO -NKQUBO ESEMTHETHWENI NOMGAQO-NKQUBO OSEMTHETHWENI
UMthetho weMixokelelwano yooMasipala nesakhelo somgaqo-nkqubo unika oomasipala isakhelo-nkqubo esisemthethweni sokuxakeka lucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Ukuze kwande isakhono sabo babandakanyekayo kwi-IDP ngokukodwa ooceba namagosa, iSebe likaRhulumenete wePhondo noweNgingqi liphuhlise isakhelo-nkqubo sophuhliso lwekharityhulam kazwelonke eyenzelwe ukuncedisa abaniki-nkonzo ekuphuhliseni ikharityhulam echanekileyo yoqeqesho lwe-IDP.
Ngokusekwa kwisakhelo-nkqubo sekharityhulam kwaye kusetyenziswana noMbutho weNgingqi waseMzantsi Afrika, iSebe likaRhulumente wePhondo noweNgingqi liphuhlise inkqubo yoqeqesho ye-IDP. Uqeqesho oluza kunikwa abadlali-ndima abahlukeneyo luqeqesho olujolisiweyo. Lusekwe kwiindima ezahlukeneyo ezizalisekiswa ngabadlali-ndima abahlukeneyo kwinkqubo ye-IDP kunye nezakhono abazidingayo ukuze bakwazi ukuzalisekisa iindima zabo. Malunga nolwazi olungeenkqubo zoqeqesho ezikhoyo, oomasipala bangaqhakamshelana neQela lokusebenza leDDP. Jonga kwiphepha 22 ufumane iinkcukacha zoqhakamshelwano.
Amaziko ePIMS anabasebenzi abanamava nabawuqeqeshelweyo umsebenzi, abaneziqinisekiso namava kurhulumente wengingqi, abakwaziyo ukucwangcisa nokuncedisa uphuhliso, abakwanazo nezinye izakhono ezisemxholweni ezifunelwa inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Useko lwePIMSS lujonge ekuncediseni amabhunga engingqi , phofu kwangaxesha nye namanye amaqela abanebango nawamabutho asekuhlaleni, nawo angafikelela kwiPIMSS ukuba afuna naluphi uncedo umzk. indlela yokuba baziqulunqe ukuze bathathe inxaxheba kwinkqubo ye-IDP. Abasebenzi beZiko lePIMS baza kukunika uncedo ngqo okanye bakubhekise kumdlali-ndima, kubaniki-nkonzo abasemxholweni abanobungcali.
ISIPHELO
Njengoko kubonisiwe kwisazobe, ukudityaniswa kweentsika ezi-4 zophuhliso lwezakhono kunika imeko-bume evumayo eyenza oomasipala bavelise ii-IDP ezihoye imibandela eyile:
ukufezekiswa kweenkonzo uphuhliso lwezoqoqosho lwengingqi inguqu kwiziko uhlanganiso lweendawo eya kuthi ekugqibeleni loo nto iphucule umgangatho wobomi kwinqanaba likamasipala.
Igama
Isikhundla
Umphathi:
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
Ilungu leqela lokusebenza
Umphathi
Ilungu leqela lokusebenza
Ilungu leqela lokusebenza
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
Mntla Ntshona
Mntla Koloni
Iphondo loMntla
Mpumalanga
Ntshona Koloni
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
DLA
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
Umphathi
Ilungu leqela lokusebenza
Ilungu leqela lokusebenza
Ilungu leqela lokusebenza
Ifowuni
Ifeksi
EZINYE IINKQUBO ZESEBE LIKARHULUMENTE WEPHONDO NOWENGINGQI
Igama
Inkqubo
Isicwangciso sezeNtlalo
Ifowuni
Ifeksi
